Ufikile izolo unokontraka ozokulungisa indlela eNgadla, logama kusesisijwili kuMahasana.

Gatyana – 25 March 2021 isebe lakwa Transport limzisile unokotraka ozokwenza indlela eNgadla. Emva kwexesha elide kukhalwa ngabantu base Ngadla naku Mahasana uDepartment of Transport ukhuphe imali engage Two Million ezokwenza indlela ekwisithuba sika 5km ukuya evenkileni eNgadla. Isimo sisesibi kakhulu kuMahasana, kusesikhalo esikhulu, isebe lithi akukho mali. Kwintlanganiso yabahlali izolo kuvunyelwene ukubeni kucelwe idinga noMEC wakwa Transport ukukhangela isisombululo. Abahlali bavumelene ukuba logama inkokheli zabo zisehla zinyuka ukukhangela isisombululo, bona bazakuqhubekeka bevala zonke intshukumo, indlela, izikolo, inkonzo iklinikhi, de kuvele impendulo. Emva kokuthetha kwam noMEC uTikane izolo sivene ukuba uzolenza ithuba eze azokubonisana neenkokheli zabahlali ukukhangela isisombululo kwisimo sakuMahasana.

Ndingu: Silulami Ndinisa uceba wakwa Ward 22 eMbhashe Cell: 0828945772

elinqaku lipapashwe ngu ceba Ndinisa kwi khasi lakhe lonxibelelwano lika Facebook.

Leave a comment

Create a website or blog at WordPress.com

Up ↑