Ezibuhlungu azipheli, kufunwa isisombululo ku Nkatha

Gatyana – Idesika yethu yendaba ifumene isiphekepheke sembalelwano ekuvakalayo ukuba ibhalwe ngumnt’ ontliziyo echontsiza amaqabaza entlungu nokuphatheka kakubi kosapho lwakhe ekuhlaleni ecela uncedo nongenelelo kwabo banolwazi nabanokuthi babelikhubalo ekusombululeni lengxuba kaxaka ijongene nekhaya lakhe  ekuhlaleni.

Ngethuba esibhalela lomhlali utyatyadule engena apho kufele khona ithole wabhala ngokwakhe wenjenje:

“Molweni Mbhashe FM, ndiza ndinentlungu yokuphatheka kakubi kwe family yam (eyikhanquza nge fani) phaya ku Nkatha sihlukunyezwa ngabahlali bekunye nombutho wasekuhlaleni (ewukhankanya nge gama) Ekuqaleni kuka March bafika phaya ekhaya bezokulanda umntakwethu bayokumbetha besithi yena no mama bangamasela ebhokwe kwaye bayazifuna besithi kubiwe ibhokwe ezingamashumi amathathu – 30, ndingazi noba ixhegokazi elina 64 yrs liziba lizibamba njani ezibhokwe, emva koko kwathiwa umzi wasekhaya usikiwe umama makangayi kweminye imizi. Ne taxi makayozikhwelela ku Venge angakhweliswa kwezingena ku Nkatha sizamile ucela Inkosi (eyikhankanya ngegama) ukuba angenelele wabhebhetha esithi yonke into igqitywa ngabahlali akhonto anoyenza yena ulandela into ethethwa ngabahlali zibiziwe intlanganiso ezininzi kungekho sisombululo no mama engavunyelwa uba makathethe kwezintlanganiso kusithiwa lisela akhonto anoyithetha makahlawule okanye abuyise ibhokwe zabantu azibayo ezi akhe ngazo umzi wakhe.

Nge Easter Monday umama wavuswa yingxolo ezinzulwini zobusuku xa ekroba ngu mfana wakwaphaya elalini uphethe izembe uxabela ifestile nengcango xa emkhwaza embuza wenzani lomfana wonda ngaye ngelizembe wamxabela engalweni kuba umama eye wahlanganisa, emva koko umama uye wabaleka esoyikisela ubomi bakhe wabizwa ngabantwana eKapa uyivulile icase emapoliseni.

Wafumana sms ethi lomfana ubanjiwe, ngengomso waphinda wafumana ethi ukhululwe. Kule veki ngolwesibini we 9th umninwa wam uye waphinda wahlaselwa wabethwa ngabafana abathathu baphaya elalini bembetha bebuza uyofuna ntoni espaza shop kodwa kuthiwa makangathengi phaya elalini bambethe bamonzakalisa ungazibona ipicture zakhe zimasikizi ayingombono umhle. Umama wehlile ke kuba eyojonga lento yomntakwethu kuba beyedwa phaya ekhayeni wafika wathatha ezonto zimbalwa wahlanganisa kuba eziva engakhuselekanga wahamba, ngo Mgqibelo sifumene icall ethi izindlu ezintathu uronta, ixande neflat  zasekhaya  zitshisiwe zitshiswa ngabafana bebeyobetha umntakwethu nabo bathunywe ngu mbutho wasekuhlaleni, umama yena okwangoku uhamba engcucalaza uhlala akanamzi nekhaya esizalelwe kulo liphelile asazi ukuba yintoni le siyenze abantu baku Nkatha bade basikhohlakalele ngoluhlobo ngoku sizimbacu kwindawo esizalelwe kuyo kuba xa sibuza yintoni le ingaka akhomntu usihoyayo bayoyika nosithethisa kuba nabo besoyika umbutho wasekuhlaleni. Enkosi kwaye uxolo ngobamde ndenziwa yintlungu nokuhlupheka ngokwasemphefumlweni no mama izolo uleli imini yonk’ engafuni uthetha okanye kwa ukutya ngoko sicela uncedo nongenelelo lwenkokheli zasekuhlaleni okanye imibutho encedayo kwimeko ezikumila kunje ungandibamba kwezi nombolo for enye information edingekeyo” (esinika inombolo mnxeba zakhe)

Lawo ngamazwi omhlali ovakala ekhathazekile yimeko yentlalo kwakunye nosapho lwakhe.

Disclaimer: Amagama akhankanyiweyo kule mbalelwano siwankonyile kuba singakhange silifumane ithuba lokuva elabo icala nokuthobela umthetho wokupapasha inkcukacha (POPIA)

Umbuzo: Ingaba isonjululwa njani intsumantsumane yentsindabala ekumila kunje ekuhlaleni?

Bathi bayiva ngembali abahlali inkululeko eMbelu -eXhorha

Xhorha – Namhlanje kubhiyozelwa usuku lwe nkululeko eyafunyanwa kwiminyaka ephantse ukuba ngamashumi amabini anesithoba kwilizizwe lo Mzantsi Afrika. Kodwa kusekho abantu abathi bayiva ngondiva longcamango kwaye bayibona nako mabonakude.


Apha kulo mdividiyo (video) kuse Xhorha enye yedolophu eziphantsi ko Masipala wase Mbhashe kwi Phondo le Mpuma Kapa ku masipala wesithili sase Amathole. Igama lalendawo kuthiwa kuse Mbelu phantsi kwelali uMakhameso eXhorha. Lelali ngokwengxelo ethiwe thaca kwigumbi lethu lo Nokrawuzana ngumthombo weendaba othembekileyo uthi “isatsala emva ngesikeyi sika Romani”


Abahlali balendawo baye baphuma iphulo bathatha isigqibo sokuba bayokuzidibela ngokwabo imiwonyo nemiwewe kwindlela edibanisa lelali kwakunye namaziko ezempilo utshilo umthombo wendaba othembekileyo ngethuba esichubela esikhwebu.


Uqhube wathi lendawo iphantsi kuka Ward Khansila u Stefaan, kwaye abantu balendawo bayakwazi ukuba basweleke phambi kwexesha nokuba ebezakuphila ngenxa yokungafikeleli kakuhle kwezithuthi xa kufuneka kusiwe umntu esibhedlele okanye ekilinikhi. Lo mhlali uthi banamatyeli aliqela bezama nakubo bonke oKhansila abebekhona ngaphambili bedomboza becela uncedo kodwa uncedo ayonto sifane siyifumane. Ulebele ngelithi lendlela imeko yayo ayisafuni ne grader ngoku koko ifuna ukwenziwa ngokutsha.


Xa besiqwalasela zonke ivideo esizibonisiwe abahlali bohlulelene, omama baqokelela amatye okudiba imigodi, ngethuba otata bechacha begawula imithi evale lendlela ishinyeneyo ngathi kuse nature reserve.
Simbuzile ukuba kwizicwangciso zika masipala akukho kwanto ithethekayo ngaphandle kokuthetha no ceba? Uphendule wathi apha bona bathe bakubona ezizigodi banqwenala uKhansila kuba inguye okufutshane ngenjongo zokuba abacelele zonke injongo eziyimfanelo. ngoko ke khange baye kwabase magunyeni kwezolawulo.


Xa siqukumbela sisithi krwaqu kumaxwebhu enkqubo mgomo ka masipala lento bayibiza Draft 2023/24 IDP/Budget Roadshow ebibanjwe kutshanje ibonakalisa ukuba zikhona indlela ezithile ekufuneka ziqwalaselwe ngu masipala, ezinye ngenxa yezikhukhula ebezike zakho, kukwa dakancwe nezinye ke izicwangciso. Lelali yase Mbelu ukuba ikhona kwezizi cwangciso nathi singo Nokrawuzana asinakukuqinisekisa oko..
Elinqaku ligxile kwingxelo esiyithunyelelwe ngumhlali.

Happy Freedom South Africa

Bangiso Football Academy currently in need of sponsorship.

Dutywa – Let me take this opportunity to introduce you to the Bangiso Football Academy we are newly established team from Dutywa, Ngcingwane Location, strongly in support of the development of boys playing football as well as encourage positive involvement in society, at Bangiso Football Academy we help kids to learn new skills and give them substantial time from negative reactions such as drugs, alcohol abuse. We believe that kids from rural areas must have an equal opportunity for a successful start in education and sport regardless of age, race, income or community.

Bangiso Football Academy is guided by a group of volunteers of coaches and dedicated members of the community.

We are reaching to your organisation with hope that your organisation might be interested in sponsoring our Academy. Special seeking for help with transport for our boys Under 13 and 16 as we plan to participate in an organized league which is in Butterworth. As one of our objectives is to help develop players by playing them in organized sport.

Most of our players come from low-income families and require extra support. Your help will provide them with the opportunity to develop and excel in the sport they love, while showcasing their talents.

Thank you in advance for your support and consideration, we hope to hear from you soon.

Contact person:
Siphamandla Siga

078 938 2001 or visit their social media page – https://www.facebook.com/profile.php?id=100083168320352

Umayime ngxi idolophu uvalile ku Gatyana eMbhashe!!!

Gatyana – Eli tsili lomsi silibona apha kwezindlela yeminye yemifanekiso esiyithunyelwe ngabahlali abazibonele ngokwabo inamba isombuluka kwi dolophu yaku Gatyana, nalapho sichazelwe ukuba ifakwe uma yime ngxi le dolophu, kutyholwa ukuba kuququzelele abo bakushishino leze taxi bezama ukuvakalisa izikhalazo zabo kwakunye nento ebatya ekonsini bejolise kwabo baku rhulumento. Thina ke sileli jelo esingenokukwazi ukuyithi pahaha kuba singakhange sikwazi ukufakana nabo imilomo phambi kokupapasha elinqaku.

Ngoko myalezo okanye isaziso sikanomyayi esiwufumeneyo kubahlali nekuvakala ilizwi lomnye wo ward komiti balapha eMbhashe esenza isilumkiso kuluntu ubalisa uthi “Makakwaziswe lonke uluntu olunjongo ikukufikelela edolophini ukuba imeko izakube ingabavumeli ukuba bangene kule dolophu. Zonke indlela zakube zivalwe mba abantwana abazokwazi ukufikelela ezikolweni, amaziko ezempilo, ushishino, nemoshwali, abe zitendi ama apile wabo bawafake ezibhegini. Lo myalezo ndiwufumene kwabo bezothutho.” utshilo

Uqhube wathi

“Abezothutho bekulindeleke ukuba uSodolophu wo Masipala akhe azosabela kubo izikhalazo zabo, kodwa ke uSodolophu khange akwazi uzokufikelela kubo ngethuba bemlindile, koko kuye kwathunyelwa isigqeba sakhe kungoko umayime ngxi idolophu eqhuba namhlanje” ulebele watsho kulomyalezo.

Ngokomrhiba esiwurhabule kuluntu ngethuba simamele ngandletyananye luthetha kuvakala ukuba enye yezinto ezikuluhlu lwezikhalazo zabo zimeko zendlela ezingahambekiyo.

Ukanti xa sisithi krwaqu nje kwelinye icala bekulindeleke ukuba kubanjwe intlanganiso ekuvakala ukuba kudala ilangazelelwa luluntu nabaququzeleli bomnyhadala othandwa kakhulu luluntu lalomnandla, iTenza Festival, kodwa lo matile-tile kubonakala ingathi aphanzile okanye afe namthanyana kuba kuvakala ukuba iye yarhoxiswa. Esirhanayo ke singo Nokrawuzana belijelo ukuba umayime ngxi idolophu ubenefuthe negalelo ekubeni uluntu lungakwazi ukuhamba hamba ukufikelela kwindawo zabo zedinga njengoko kucwangcisiwe.

Ngaphambili ikhasi lakwa ward 22 belipapashe lenjenje:

“Ngomso ngo11 kuhlala intlanganiso ekudala siyilangazelela kumasipala ukuze sibonisane ngonobangela owakhokhelela ekuchithweni kweTenza Festival kulonyaka uphelileyo kwimizuzu yokugqibela. Kule ntlanganiso kulindeleke siphume sivana ngezinto ezizokwenzeka kulo nyaka ukunqanda ukuba ingaphindeki into yonyaka ophelileyo” sicaphule ebekubhaliwe kwi khasi kwilixa elingaphambili.

Omnye umhlali apha kwikhasi lethu ubhale wenjenje:

“Imbi lanto makude kuphenduleke coz singabanye sinezingcwabo this weekend ubhuti ujike endleleni izolo eyolungiselela izinto zesingcwabo dololo uyofika, ziyafa nyhani imoto yilendlela”

oNokrawuzana bethu bafedile ukukhe barhabule kwingcaza yabezorhulumento ngethuba singena kwigumbi lethu lokupapasha. Kodwa elinqaku lisaqhuba sizakuba zindlebe nozwane.

Indaba zenu -Ziindaba zethu – Zive usekhaya

Photo: Supplied

Uyantsintsitheka zi Thou zobukolovithi uNondzoyi waku Gatyana!!!

Gatyana – Kumakhasi onxibelelwano kukho isanxwe nemiheshuzo ngesityholo esibhekiswe kusisi othile nekutyholwa ukuba ngowalapha ku Gatyana kwilali yaku Nxanxashe, nekuvakala ukuba urhwebesha imali ngondlela mnyama, nobuqotha qikili ethembisa abo bakhangela imisebenzi nezithuba zengqesho kwimizi ethile yempangelo. Sihletyelwe bucala lelinye lamaxhoba elizikhande ngenyheke etyeni lizama ukunceda uluntu kwindawo elihlala kuyo ekubafuniseni umsebenzi. Ngethuba sichuba isikhwebu kwakunye naye ngentseni yanamhlanje uphendule wenjenje “Ndicela ndinincede ntozakuthi bendicinga ndiyanceda kanti ndizifaka engxakini ndingazi, Kuba idocuments zabantu bezithunyelwa kum (Nokrawuzana) ndizama afumaneke ndizokukhululeka kuba andinanto endidibanisa noku scammer abantu mna” uphendule watsho ngentliziyo edandathekileyo ekubonakalayo ukuba inesingqala.


Kutyholwa ukuba lo tsotsikazi sele ebhunyule inani elivakalayo kwindawo ezahlukeneyo eziquka oKhayelitsha, Du Noon, Delft, Nyanga, Langa, Phillipi nase Hout Bay eNtshona Koloni nalapho uye afune umrhumo onga R200 ebizwa ngokuba yeyokuba uxilongwe ngugqirha phambi kokuba uqalise umsebenzi lowo athembise ngawo. Kumaxwebhu athiwe thaca phambi kwe desika yethu yendaba nekubonakala ukuba ngawe bhanki yakhe ekunkinkishelwa kuyo lamakhulukhulu erandi ibonakalisa igama lika Ms Siphokazi Joseph, ukanti kumanye amaqonga uvela ngegama elithi Zimbini Mgoqi Siphokazi Nondzoyi Joseph, nathi sisaxakiwe elona gama lokwenene.


Lo Nokrawuzana ulebele ngelithi abantu abaninzi bangamaxhoba akhe, uduke nemali zabantu kwaye apho akhoyo uyantsintsitheka yimali ekuqikelelwa ukuba ifikile pha ku 60K ayikolovithe ebantwini ngondlela mnyama neendlela zamasongololo, ze waqwela ingqokoqho ngelithi maka trender ukuze kusindiswe abo bangekangeni kulomhadi we wonci yaku Nxanxashe eyombethe ufele lwegusha elimthubi..

Umtyholwa obhunyule uluntu ethembisa ngemisebenzi ofake ibhatyana yokusebenza emthubi (yellow)

Kuhanjwe kucholwa impahla zendoda emnke namanzi eMthokwane, yona yabhaqwa ibhubhile

Gatyana – Ezingenayo ngalomzuzu kuvakala ukuba ngentsasa yanamhlanje kubhaqwe indoda ethile yelali yase Mthokwane (eLalini) ebinyamalele ngolwe Sine (igama silinkonyile). Ingxelo esiyinyengezelwe ngo Nokrawuzana abasemfuthweni wolwazi bachaza ukuba lendoda ibihambele imicimbi yelali phantsi kwevenkile yaku Nocwane beye ekwembeni nanjengoko isisiqhelo ukwenza njalo kumadoda elali. Ngethuba siphokozelwa ezindaba sive ukuba emva kokuba kugqityiwe umsebenzi wosuku apho phantsi kwe venkile baye banduluka ukugoduka behamba bebani ukubuyela eLalini kodwa ngenxa yokuba lendoda yesibini ibihamba ngonyawo lonwabu, uye wamshiya ugxa wakhe ngasemva. Kubaliswa ukuba abahlali bale lali yaphantsi kwevenkile babachazele ukuba edikeni kugcwele kodwa bathi bazokwenza amacebo okuwela. Unobalisa uthi lendoda yesibini iye yayokufika ekhaya kamva kodwa le ibikhokhela ayifikanga. Kusuku olulandelayo amadoda okuhlala ahlabe umkhosi eyokukhangela apho kurhaneleka ukuba inyamalele khona lendoda ebihambe kuqala. Kuvakala ukuba iziqhunyana ze plastic ebeziphethe ziye zahamba zibonwa kumzila womlambo, ngentseni yanamhlanje abahlali bafumene umzimba wakhe uthiwe tya ecaleni komlambo ngamanzi kude kufuphi nebhulorho yase Mthokwane phantsi kwakwa Gwebindlala itshoba sele lilele umbethe. Lendoda yindoda ethandwa kakhulu ngabahlali bale lali yakwa Dunga ngenxa yendlela elincoko neqhula elonwabisayo kwimicimbi nemisitho ebanjwa kulelali. Kuvakala ukuba amadoda ebesathe nqwadalala elindele abakurhulumento bemeko ezikumila kunje (forensic)
Kwelinye icala kuvakala ukuba amagosa ajongene nemeko zentlekele asathe bhazalala ekhangela imizimba yabo bebengakhange bafumaneke kwintlekele yemoto ethiwe xhwi lingongqongqo lamanzi ebehamba ngesantya esiphezulu kwi bhulorho yase Nqabarha phezolo nekuyi bhulorho elandelayo emva kwale yase Mthokwane. UNobalisa ulebele ngelithi lemoto ibisiya kwilali yaku Dayi esemantla kwelali yase Ngoma, ukwathe kukho amarhe namahlebezi, namanakani akhatshwa ngama ndum ndum okuba umqhubi walemoto ebekhe wagqitha ngakwi festile zakulo Viktoliya eyobuza impilo xabesithi ukuqwalasela bengabantu basemzini (eso sisityholo) eso sityholo thina silelijelo esingenokuzibophelela ncakasana kuso kubunyani baso. Batshilo

Indaba zenu – zindaba zethu utsho uzive usekhaya

Photo of a place flooded. Overflow.

Continue

“As long ingathanga bhukulu- bhukulu” ku Mgwebi

Gatyana – Ngenxa yesimo sendlela engahambekiyo kwilali yase Mthonjeni ku Mgwebi apha ku Gatyana, imoto ethutha abantu edolophini kuvakala ukuba yohlulakele kumango owenyuka nkqo, ze yabhukuqa. Nalapho kuchazwa ukuba ibhukuqe ngakwindawo eneliwa elivelele kumlambo iQwaninga ngemvakwemini yango Lwesithathu. Ingxelo iqhuba ithi ngethuba isiyolala ngophotho le bhaki ibilayishe intsintsitheka ngabantu abamalunga namashumi amabini anesibini -22, kukwakho nemigodlo ebonakala ithe qhusaa endleleni, kwakunye ne tanki lerhasi enobungozi. Omnye wabakhweli ovakala othukile nabathe bamdividiya uthi “Hayi as long ingathanga bhukulu-bhukulu” Elo yabe ilelokuncamela nokuzama ukubulela ukuba besindile kwintlekele.

https://www.facebook.com/reel/922527895569467/?s=single_unit

Kuziwe nesisombululo sabafundi abangenamali yomrhumo wesikolo eUpper Gwadu

Gatyana – Silelijelo sikrwecwe bucala ngu Nokrawuzana nongumthombo wendaba othembekileyo ekuhlaleni esithela tshuphe ngobekuqhubeka apha ebudeni beveki malunga nabafundi ekutyholwa ukuba abalinikwangwa ithuba lokufumana izatifiketi zabo okanye ilungelo lokufunda kwisikolo esithile, ngenxa yemali yomrhumo wesikolo – school fees.

La angezantsi ngamazwi esiwacaphule kumalungu eliphulo ngethuba sizama ukulandela elinqaku.

“Siligqiza le EFF siphume saya kwisikolo Upper Gwadu esigxotha abafundi abangenamali enga R350 ebizwa nge School fees. Siyileke ukuyolwela ukuba abafundi bangavinjwa ilungelo labo lemfundo, Ngolwesithathu besikwisikolo esi kunye ne S.G.B nabazali ngalomba.

Kwisithembiso sokungenelela siligqiza lolawulo lwe EFF ward 27 kumba wesikolo sase Upper Gwadu SSS esigxotha abafundi abanganamali yobhatala sibuye nezi izisombululo

1. Akunamfundi ungazungafundi ngenxa yemali angenayo.

2. Abafundi ababevinjwe izetifiketi zabo zematric ngenxa yemali bazinikiwe.

3. Sizibophelele ekuncedisanen neSGB kunye nengqununu ekukhangeleni izisombululo kuba wokushota kotishala.

4. Ukukhweba umphicothi ncwadi ekukhangeleni incitho yemali.

Siyacela kumzali ebenomntana ongayanga ezikolweni ngenxa yemali njengeko bebegxothwa, athumele umntana esikolwen ayokufunda . Kwakunye nomntana ovinjwe izetifiketi zakhe ayosithatha aqhubekeke nemfundo.

Ngenene lomba ujikeleza phantse zonke ihigh schools ezilapha eMbhashe sinethemba lokuba uluntu lubambisene lungawakhusela amalungelo abantwana sikhalima nakwezinye izikolo ezenza lomkhwa zizikhwebule kuwo”

Lawo ngamazwi esiwacaphule apha kumakhasi onxibelelwano kumalungu ebethe bhazalala ezama ukuza nechiza lokusombulula into abayibiza ukuba akukho mntana ungazungafundi ngenxayemali. Elinqaku siliqulunqe silandela ingxelo ekhutshiweyo emva kweliphulo.

Amathole and partners are holding a Back To School Campaign at Xhorha

Xhorha – The Amathole District Municipality in partnership with other stakeholders were holding a back to school campaign at Kotyana Senior Primary School at Xhorha today.

As the saying goes ” Children are the future” and to ensure that they perform at their optimum best at school and to improve their confidence, Amathole District Municipality( ADM) in support of the National Department of Human Settlements Deputy Minister Pam Tshwete, joined by the Department of Education, and other key stakeholders such as Gift of the Givers, Coca-Cola and Jason Sheper – MAC, is currently holding a Back To School Campaign at Kotyana Senior Primary School in Xhora, under Mbhashe Local Municipality today.

This campaign will see learners of the school from disadvantaged backgrounds receive a number of essential learner packages and other key educational essentials for the school.

Kotyana SP caters to 237 children between Grades R to 7 with a majority from disadvantaged backgrounds. boasts a modest building in deep rural and steep terrains. The local water source is a natural dam that only service low lying areas better than those uphill.

It is for this reason that Amathole District Municipality will augment the standpipes near the school with 5000 liter water tanks to ease the effect of water unreliability.

“We are one government, and the crisis that is faced by our communities is our collective responsibility to ensure that we respond accordingly as one government in line with the principles of the DDM. We should all be involved in the various aspects of improving the lives of our people, regardless of departments or ministry under which one serves” – said Executive Mayor Anele Ntsangani.

Another stakeholder, Gift of the Givers, also came in with their support to the school.

” With support from Jet Stores, we have been enabled to ensure that each child in the school receives key stationery items, school uniform including school shoes, as well as basic morning perishables just so children don’t go to school hungry , even if it’s for a short time” – said Gift of the Givers CLO Kwanele Damane.

Stating the purpose of her visit, Deputy Minister Tshwete said today’s programme is a continuation from ” President Cyril Ramaphosa’s Back to School campaign, that started at the beginning of the year”.

“The purpose of today’s program is to ensure that learners have all the necessary tools to study”- she said adding that – “however that will not be the only focus, more so following the challenges that the school and surrounding areas have highlighted, such as infrastructure, water & sanitation

rural incentives, centralisation of budget, substance and drug abuse as well as vandalisation” – she said.

The program concluded with the executive authorities handing over, school shoes, backpacks and stationery to elated beneficiaries.

UMphathiswa uzibandakanye kwiphulo lokubuyela esikolweni ku Gatyana.

Kutshanje uMphathiswa waMashishini Amancinci no Phuhliso u Stella Ndabeni-Abrahams wenze utyelelo kwisikolo samabanga asezanzi iLubomvini Ku Gatyana phantsi ko masipala wase Mbhashe. Olutyelelo luka Mphathiswa belugxeleshe ekukhuthazeni nokufuthela abafundi ukuba bakhuthazeke kwaye banike ingqwalasela kwizifundo zabo, kwaye bahambele kude ekubeni bazibandakanye kwizinto ezingazukubasa ndawo ebomini. uMpathiswa Ndabeni-Abrahams ebambisene kwakunye nabaxhasi banikezele ngezinto zesikolo kubafundi, ukuquka izihlangu, imiqishoshelo kubantwana abangamantombazana (sanitary towels)
Kulomsitho kuvakala ukuba uMphathiswa ebambisene ne Siyavuya Foundation nabanye banikezele ngezihlangu ezimalunga no 200 nesiqingatha. Kwakulomsitho inzalelwana yalapha ku Gatyana uBetusile Mcinga ubebakhweba ebabiza bonke abafundi ukuba bangene edyusha eqongeni ecula ingoma yakhe yodumo ethi “NgenaNoah”

Create a website or blog at WordPress.com

Up ↑