Ezibuhlungu azipheli, kufunwa isisombululo ku Nkatha

Gatyana – Idesika yethu yendaba ifumene isiphekepheke sembalelwano ekuvakalayo ukuba ibhalwe ngumnt’ ontliziyo echontsiza amaqabaza entlungu nokuphatheka kakubi kosapho lwakhe ekuhlaleni ecela uncedo nongenelelo kwabo banolwazi nabanokuthi babelikhubalo ekusombululeni lengxuba kaxaka ijongene nekhaya lakhe  ekuhlaleni.

Ngethuba esibhalela lomhlali utyatyadule engena apho kufele khona ithole wabhala ngokwakhe wenjenje:

“Molweni Mbhashe FM, ndiza ndinentlungu yokuphatheka kakubi kwe family yam (eyikhanquza nge fani) phaya ku Nkatha sihlukunyezwa ngabahlali bekunye nombutho wasekuhlaleni (ewukhankanya nge gama) Ekuqaleni kuka March bafika phaya ekhaya bezokulanda umntakwethu bayokumbetha besithi yena no mama bangamasela ebhokwe kwaye bayazifuna besithi kubiwe ibhokwe ezingamashumi amathathu – 30, ndingazi noba ixhegokazi elina 64 yrs liziba lizibamba njani ezibhokwe, emva koko kwathiwa umzi wasekhaya usikiwe umama makangayi kweminye imizi. Ne taxi makayozikhwelela ku Venge angakhweliswa kwezingena ku Nkatha sizamile ucela Inkosi (eyikhankanya ngegama) ukuba angenelele wabhebhetha esithi yonke into igqitywa ngabahlali akhonto anoyenza yena ulandela into ethethwa ngabahlali zibiziwe intlanganiso ezininzi kungekho sisombululo no mama engavunyelwa uba makathethe kwezintlanganiso kusithiwa lisela akhonto anoyithetha makahlawule okanye abuyise ibhokwe zabantu azibayo ezi akhe ngazo umzi wakhe.

Nge Easter Monday umama wavuswa yingxolo ezinzulwini zobusuku xa ekroba ngu mfana wakwaphaya elalini uphethe izembe uxabela ifestile nengcango xa emkhwaza embuza wenzani lomfana wonda ngaye ngelizembe wamxabela engalweni kuba umama eye wahlanganisa, emva koko umama uye wabaleka esoyikisela ubomi bakhe wabizwa ngabantwana eKapa uyivulile icase emapoliseni.

Wafumana sms ethi lomfana ubanjiwe, ngengomso waphinda wafumana ethi ukhululwe. Kule veki ngolwesibini we 9th umninwa wam uye waphinda wahlaselwa wabethwa ngabafana abathathu baphaya elalini bembetha bebuza uyofuna ntoni espaza shop kodwa kuthiwa makangathengi phaya elalini bambethe bamonzakalisa ungazibona ipicture zakhe zimasikizi ayingombono umhle. Umama wehlile ke kuba eyojonga lento yomntakwethu kuba beyedwa phaya ekhayeni wafika wathatha ezonto zimbalwa wahlanganisa kuba eziva engakhuselekanga wahamba, ngo Mgqibelo sifumene icall ethi izindlu ezintathu uronta, ixande neflat  zasekhaya  zitshisiwe zitshiswa ngabafana bebeyobetha umntakwethu nabo bathunywe ngu mbutho wasekuhlaleni, umama yena okwangoku uhamba engcucalaza uhlala akanamzi nekhaya esizalelwe kulo liphelile asazi ukuba yintoni le siyenze abantu baku Nkatha bade basikhohlakalele ngoluhlobo ngoku sizimbacu kwindawo esizalelwe kuyo kuba xa sibuza yintoni le ingaka akhomntu usihoyayo bayoyika nosithethisa kuba nabo besoyika umbutho wasekuhlaleni. Enkosi kwaye uxolo ngobamde ndenziwa yintlungu nokuhlupheka ngokwasemphefumlweni no mama izolo uleli imini yonk’ engafuni uthetha okanye kwa ukutya ngoko sicela uncedo nongenelelo lwenkokheli zasekuhlaleni okanye imibutho encedayo kwimeko ezikumila kunje ungandibamba kwezi nombolo for enye information edingekeyo” (esinika inombolo mnxeba zakhe)

Lawo ngamazwi omhlali ovakala ekhathazekile yimeko yentlalo kwakunye nosapho lwakhe.

Disclaimer: Amagama akhankanyiweyo kule mbalelwano siwankonyile kuba singakhange silifumane ithuba lokuva elabo icala nokuthobela umthetho wokupapasha inkcukacha (POPIA)

Umbuzo: Ingaba isonjululwa njani intsumantsumane yentsindabala ekumila kunje ekuhlaleni?

Leave a comment

Create a website or blog at WordPress.com

Up ↑