Luzimisele ukubopha inja nokhuni ulutsha lwase Mpume lunceda inkondekazi.

Ulutsha lwase Mpume kwalapha ku Gatyana kwa wadi 29 ebelukhe lwavela kwidesika yethu yeendaba lucela uncedo kwabo banqwenela ukuluncedisa ukuze lakhele umakhulu ohlala kwindlu evuza gxi xa kunetha apha eMpume. Luthi ama Ngesi athi “Practice what you preach” ngethuba singo Nokrawuzana sikhe saphinda sakroba ngentunja sizama ukuqonda inkqubela sifumanise ukuba bekukhala ipeki ne fotsholo kuqaliswa ngezontwana ntwana bafikilela kuzo ukuze babe beqhubela phambili nomsebenzi wabo wokunceda abo bangathathi ntweni. Lusithele tsuphe ukuba uncedo lusalulangazelela oku kwe Jerusalem entsha. Batsho besithi wena unomdla wokunceda ungathi ubakrwece bucala nokuba unikele nje ngengxowa ye samente oko kwakuthetha lukhulu kumsebenzi wabo.

Luyaqhuba ulwakhiwo lwendlu yexhegokazi empume

Nathi silelijelo siyacela sibongoza ukuba uphose esivivaneni ukuze kufezeke lomnqweno wolulutsha nalo lungathathi ntweni..

Kwa Xhosa kuthiwa “Isandla sihlamba esinye”

Ungathi uqhagamshelane no Mnumzana Mandla Mbonjeni xa ufuna ukufaka isandla okanye usikrwece bucala sileli jelo sikudibanise nabo.

Contacts: 076 889 1184 / 078 061 8336 email: mbonjenimandla44@gmail.com

Sonke masenzeni uHamba Post ide iyofikelela kwabo bane ntliziyo ezivakalelwayo.

Ngahle sibone idolophu yase Xhorha iwufulathela uMbhashe

Mbhashe – Ukuba izinto zingahamba ngokweminqweno nezicwangciso zomasipala osebumelwaneni iKing Sabatha Dalindyebo ogxeleshe ukuba ubekwe kwinqanaba lika Catergory A lomasipala, ntoleyo iyakumenza abekuluhlu lomasipala abaziwa njenge Metropolitan Municipality ngonyaka ka 2026. Lo ndum-ndum uza emva kokuba umasipala we KSD waye wathi thaca amaxwebhu ngokusemthethweni phambi kweqoqo lolawulo lwabo bawulawula ucando lwemida yo masipala – Municipal Dermacation Board (MDB) kweyo Kwindla nyakenye (March).

Xa sicaphula: ” The proposal to catergorise KSD Local Municipality as Category A proposes the exclusion of Xhorha/Elliotdale from the municipal area of Mbhashe Local Municpality and Amathole District Municipality” icatshulwe kwiphephandaba i Mthatha Express

Kuvakala ukuba abe Municipal Dermacation Board bakhe benza utsi gxada kulo masipala we KSD ukuzokwenza uphando oluthe qabavu malunga nesisicelo ngokulandela isolotya u29 no 30 wezocando lwemida (Municpal Demacation Act). Ingxelo iqhuba ithi iziphumo zoluphando lalo tsi gxada zakukuqwalaselwa kakukuhle malunga nenyanga ka Disemba, kwaye ukuba kuye kwakho isisombululo kwesisicelo iziphumo zakuthiwa pahaha ngoku ka section 21 we MDA kwi gazette ye phondo. Uluntu lwakuvunyelwa ukuba lufake iziphakamiso zalo (submit objections) zingadlulanga iintsuku ezingamashumi amabini ananye – 21 days.

Emva kokuqwalaselwa kwezoziphakamiso lebhodi ye MDA iyakuphinda ipapashe phakathi kwenyanga yo Mqungu neyo Mdumba ( January no February) kunyaka ka 2024

Esi sicelo somasipala wase KSD siquka ne wadi u 2, 4 no 5 aba phantsi komasipala wase Mhlontlo, kwakunye no wadi 10, 11, 12, 13 ku masipala wase Nyandeni.

Kukwavakala ukuba umasipala we KSD uthi uzakuqhubekeka ukufakana imilomo nabo be MDB, abathathi nxaxheba (Stakeholders) kwakunye naba masipala bachaphazelekayo ukuqinisekisa ukuba iimfuno zoluntu ziyaqwalaselwa. itshilo ingxelo.

Elinqaku lipapashwe liphephanda iMthatha Express ngokophando lwabo saze saliguqulela esiXhoseni ayilolethu.

Source: Mthatha Express

Lucela uncedo ulutsha ukuze lakhele inkondekazi yase Mpume

Ulutsha lwe lali yase Mpume ku Gatyana luthi “Ayilali isukelwa”. Kwiminyaka emibini edlulileyo silelijelo sapapasha inqaku ngolutsha lwase Mpume eliququzelela ukwakhela umama wasekuhlaleni ngenxa yemeko ahlala phantsi kwayo. Bavela o Msamariya abangcwele bezokuncedisa. Kodwa ngenxa ye corona lo matilele omela ephinini ngenxa ye khovithi.

Kungokunje lamatshantlizyo athi azimisele ukuqhubekeka  nephulo lawo lokunceda lomama, becela nabani onokuthi akwazi ukuphosa isandla abancedise kwizinto zokwakha kwezi sele benazo.

Umququzeleli weliphulo uMnumzana Mandla Mbonjeni usikrwece bucala esithela tsuphe ukuba ayilali isukelwa ngamatshantlizyo ase Mpume:

Ubhale wenjenje

“Ndingu Mandla Mbonjeni eMpume kwa ward 29

Apha sasizama ukwakhela umama ohlala emkhukhwini ovuzayo, ugcwale amanzi xa kunethayo, ohamba nge wheelchair ohlala nabazukulwana, ominyaka ingamashumi asibhozo anesithathu – 83. Ngo 2020 so ke saqokela imali sathenga izixhobo zokwakha kwavela I corona kwavele kwathi cwaka emva koko, neendawo esasizame kuzo uncedo kwavele kwathuleka nje, bafika nonontlalontle kunye ne Sebe lezindlu (Human Settlement) bathembisa kwaphinda kwathi cwaka.

Neenkokheli zokuhlala ziyayazi imeko yalo mama kodwa akho ntshukumo yenzekayo.

Ngoku siqonde masiphinde siqale apho sasiyeke khona siyintlangano yalapha kule ward. Ndimazisile uCeba wakwa ward 29 ngale meko naye ndisalindile kodwa ke ngoba ngomtsha ngoku. Ke siyacela usipapashele le meko kwenzele umntu othe wathinteka aqhakamshelane nathi kwezi nombolo zilandelayo.”

Sixhomekeke kwii donations nangoku kusadingeka izinto ezininzi.

Enkosi

Mandla Mbonjeni

Cell: 0768891184 /0780618336

Email:  mbonjenimandla44@gmail.com

R320 Million investment to develop Mbhashe LG Mall in Dutywa

Dutywa – Sod turning was done on the land earmarked for the development of the Mbhashe LG Mall in Dutywa town today, 17 October 2023. Well-known businessman Tat’ Livingston Gcobani Nogoduka brings the investment of R320 million in Mbhashe for the development. This land to be developed is near the N2 highway in Dutywa. The sod-turning as an official proclamation ceremony was done today, to officially announce the development and the commencement of the construction of Mbhashe LG Mall. The construction work is expected to be completed as per the set timeframes, followed by the official opening as at end March 2025 for the mall to start operating.

The Executive Mayor of Mbhashe Local Municipality, Councilor Samkelo was part of this good deed. Expressing his gratitude and excitement and joy, he delivered the message representing Mbashe Local Municipality and said; “This investment will bring great change to the community of Dutywa, including the entire Mbhashe area and the public in general. This is one of the ways to improve the town of Dutywa, as this development will create job opportunities and reduce unemployment rate. The challenge we are currently faced with is the congestion in our town, now this investment will bring a development that will contribute to changing the state of the community for the better, as it will allow people to easily access services and reach out to the needs of their households. This will attract other investors to bring more development in Mbhashe area and that will benefit the communities, develop local businesses and tourism sector. As the municipality, we are committed to finding new ways and advices to develop our towns and the area we live in. This is done through adherence to the Spatial Development Framework which guides on how we can implement spatial development in our areas. I sincerely thank Tat’Nogoduka for his generosity because his efforts and love of development will benefit the nation and generations to come”

The investor, Mr. Nogoduka, said, “Since my young age, I have always loved being an entrepreneur who strives to meet the needs of communities, I have been doing this for the past 52 years of my life. The support that I have been recieving from the people of this area and Mbhashe council, especially the Executive Mayor, gave me courage to succeed in this business development initiative, that is why I have taken the step to invest in the Mbhashe area by building a mall that will benefit the local community for their needs and create job opportunities. It has been a long journey, I wish to thank the Municipality for their cooperation, until we reached this stage. I promise that I will not dissapoint them”.

This development is expected to create four hundred (400) jobs during the construction period, and up to 350 when it is operational. Forty-two (42) businesses have already registered and they are committed to bring their services in Dutywa. The stores expected include retail stores, furniture shops, resturants,fashion and banks.

Developers of a company known as EXEMPLAR, that has been doing construction work for forty years now, said in their history, this will be 73rd mall that they will be building. The size is 20 000 square metres.

Talking for Mbhashe administration during the session held in one the local business area later today, Municipal Manager Mkhululi Nako congratulated Nogoduka and appreciated him for his patience on the processes of land development. He further said ” I wish you well until the mall is finalized, so that you can witness the fruits of your seed”

Yazi isikhululo uMbhashe FM ngcono – Road to frequency

Mbhashe FM – UMbhashe FM sisikhululo sikanomathotholo esisasaza ngobuxhakaxhaka be intanethi okwakaloku nje. UMbhashe FM sisikhululo esasungulwa ngonyaka ka 2013 emva kokubona iimfuno nezidingo zokuba nesikhululo sosasazo kwi ngingqi yase Mbhashe kwakunye nendawo ezingqongileyo phantsi ko Masipala wesithili sase Amathole. UMbhashe FM waqala ukusasaza nge dijithala (digital station) ku nyaka ka 2014, waze wazakhela igama ngokusebenzisa amakhasi onxibelelwano ngokuthi upapashe iindaba zasekuhlaleni uncediswa kukuthelwa tsuphe ngo Nokrawuzana abathembekileyo (Citizen Journalism) nabazibonele ngamehlo isehlo nesenzeko.

UMbhashe FM ubhaliswe ngokusesikweni kunyaka ka 2017 njenge NPO (inkampani engajonganga kukwenza nzuzo). Kunyaka ka 2015 igunya bantu elilawula ezosasazo eMzantsi Afrika – Icasa laye labeka iMoratorium kwizicelo zosasazo, into ethetha ukuba alizamnkeli izicelo zosasazo kwabo banomdla wokwenjenjalo. Eli jelo liye lathi gqolo ukusasaza lisebenzisa ubuchwephesha bale mihla ukuze lifikelele eluntwini, nangona belingafikeleli ngokupheleleyo eluntwini ngenxa yokuxabisa kwamandla e data zokumamela izikhululo ezisasaza ngedijithala.

Igunyabantu lezosasazo ku nyaka ka 2019 laye labhengeza ukuba abo banqwenela ukufaka izicelo zosasazo bangazingenisa, kodwa uMbhashe FM zange usifake isicelo kuba usanqwenela ukuqwalasela imithetho nemigomo efunwa ligunyabantu (Icasa). Liphinde labhengeza kunyaka ka 2021 igunyabantu ukuba abo banqwenela ukufaka izicelo mabaphinde bafake izicelo emva kokufeda kwabo babenze izicelo be katyile bengakhange bakwazi ukumelane nemfuno ze gunya bantu kunyaka ka 2019. Elijelo laye laqulunqa amaxwebhu esicelo sawangenisa kwi gunya bantu phambi kokuba kuvalwe ngo June ka 2022. Abakwa Icasa baye bavakalisa ukuba bafumene izicelo ezimalunga nekhulu elinesihlanu lezicelo (105) ku Mzantsi Afrika uphela.

https://www.icasa.org.za/news/2023/conclusion-of-the-preliminary-evaluation-of-applications-to-pre-register-for-community-sound-broadcasting-service-licences

Ngethamsanqa isikhululo uMbhashe FM uye wakwizikhululo ezihlanu kwezo bezingu 105 bezifake izicelo oye wathi wavunyelwa ligunya bantu njengesikhululo esikulungeleyo ukusasaza ngokusesikweni oko kusenzeka kunyaka ka 2023.

https://www.icasa.org.za/news/2023/icasa-concludes-phase-1-evaluations-for-the-applications-to-pre-register-for-the-provision-of-community-sound-broadcasting-services

Kungoku nje uMbhashe FM ukwiphulo lokuzama ukuqokelela izixhobo zokusasaza ngokupheleleyo kumaza omoya esiqhelo ( frequency) ungapheleli ku dijithali. Ukuba ngaba kukho lowo unezixhobo angazisebenzisiyo ezifana ne khompyutha, transmitters, antennas, ifenishala, igalelo ngesakhono (skills) okanye ingcebiso (strategical advise and support), inkxaso ngezezi mali ( Financial support) angathi asikrwece bucala ukuze sidlane indlebe ukuze isikhululo sizokugqobhoza kumaza omoya kwixesha esibekelwe lona.

Isikhululo uMbhashe FM siziqulathe zonke impepha mvume ezifunwa ligunya bantu ukuze ube kanti uyakwazi ukungena kumaza omoya ngokusemthethweni kwilizwe lo Mzantsi Afrika (licences). Sivumeleke ukuba sigqobhoze kwi freqencies ezimbini, ngenkcukacha ngena kwi webusayithi yethu engu: http://www.mbhashefm.co.za

Isaziso esibalulekileyo esiphuma kuba phathi bo Mbhashe FM

UMbhashe FM sisikhululo sosasazo sasekuhlaleni esibhaliswe njengo Mbhashe Community Radio Station (NPO) esisasaza iyure ezingamashumi amabini anesine (24 Hours) kwindawo yase Mbhashe kwakunye neendawo ezingqongileyo phantsi ko Masipala wesithili sase Amathole apha kwi Phondo le Mpuma Kapa.

Oku kukwazisa ngokusesikweni kwaye sikudakanca ngokupheleleyo ukuba isikhululo uMbhashe FM uyinikiwe imvume ligunya bantu eli lawula ezosasazo eMzantsi Afrika (ICASA), ukuba usiso isikhululo esinelungelo lokusasaza kumaz’omoya. Oku kuza emva kochunge chunge lezigaba nemigomo ebibekwe ngabakwa ICASA. Esi  sikhululo uMbhashe FM uthubeleze ngempumelelo phakathi kwethotho lonomathotholo ebebefake izicelo zokusasazela ingingqi zabo zasekuhlaleni abebe malunga no 105 (One hundred and five). Baze abakwa ICASA bakhupha ilayisenisi ezintlanu (5) kuphela ukuquka eyo Mbhashe FM. Sigxeleshe ukusasazela ingingqi yo Masipala wase Mbhashe kwakunye neendawo ezingqongileyo eziphantsi kwesithili sase Amathole.

UMbhashe FM wenza umbulelo ongazenzisiyo kwabo basixhasileyo ngethuba siqulunqa isicelo selayisenisi yethu, uluntu olutyikitye amaxwebhu ethu kwa kunye namashishini abonakalise inkxaso kweliphulo, kuni sithi enkosi.

Isikhululo uMbhashe FM sasekwa ngomhla we 13 August 2013 saze saqalisa ukusasaza ngomnatha we intanethi ngonyaka ka 2014. Sabhaliswa ngokuse mthethweni ngomhla we 6 April 2017. Abakwa ICASA basinikile ilayisenisi yokuqala ngomhla we 22 June 2022 (eyamaz’omoya – signal distribution) ze ngomhla we 27 July 2023 basinika imvume yokusebenza (Class Broadcasting Licence).

Kungokunje sisekwiphulo lokunyusa ingxowa-mali ukuze sikwazi ukufumana izixhobo namaphiko oku nkinkisha amaz’ omoya khona ukuze sikwazi ukufikelela kwikhaya lakho ngokucwengileyo nokungenasiphazamiso. Abo bakwezoshishino nase magunyeni abanomnqweno wokusixhasa ukuze sifezekise eliphulo bamnkelekile.

ONokrawuzana basendleleni eza kwithotholo lakho… utsho u “Zive usekhaya”

Ngayo yonke imibuzo neengcombolo ezithe qabavu ngoku sikuthe tsuphe apha ngasentla ungaqhamshelana nathi ngoluhlobo:

Cell: 081 335 3343/065 118 9945/064 376 6050

Email: mbhashefm@gmail.com 

Website: www.mbhashefm.co.za

Mbhashe FM Management

Kwantu Annual Arts Concerts 2023

Gatyana – Kuzakube kuqhutywa ingxikela ye Kwantu Annual Arts Concert ngomhla we 14 October 2023 ku mabala ezemidlalo esikolo saseMboya kwalapha ku Gatyana. Kulo mnyhadala kuzakube kubanjwe intlobo-ntlobo zokonwabisa ezifana nezinto ezixhonxiweyo ngezandla (Craft), umdaniso (Dance), imibongo (Poetry), umculo (Live music), amaqhula (Comedy), abadlali macwecwe (DJ’s).

Abathathi nxaxheba abalindelekileyo ngaba:

  • TZK Group
  • Vusi Oulik Comedian
  • Kumkanikazi yama Xhosa
  • DJ Master Dee
  • Qaphela Majola
  • Navy Gee
  • Aviwe
  • Zukisa Vocalist
  • JR Hip Hop
  • Sanda
  • Libhongo
  • Oka Gcaba
  • Ophola Ntshuntsha
  • Thuluzobona Dancers

Kulo mnyhadala kungena simahla,kwayeuqala kwakusasa ngecala emva kwentsimbi yesibhozo – 8:30. Kunxitywa isinxibo sakwa Ntu.

Ukuba ufuna ingcombolo ezithe qabavuungaqhagamshelana nabaququzeleli bawo: 072 070 2972/0716395774 okanye email: thembanizizwekungathi@gmail.com

Niwuphathelwa ngabakwa:  TZK Entertainment Group kwakunye nabaxhasi babo.

Invitation to the Special General Meeting

You are kindly invited by Mbhashe Community Radio Station (Mbhashe FM) in a Special General Meeting in order to adopt the amendments of the constitution of the organisation which will be held as follows:

Date: 15 July 2023

Time: 10:00 – 12:00

Venue: Mthokwane Location

Agenda: Constitution Amendments

For more information about the invitation and the agenda please visit our websites or contact us:

Contact person: Mfundo Mpathani – (Chairperson)

Cell: 081 335 3343/073 249 3663

Email: mbhashefm@gmail.com

Website: www.mbhashefm.co.za or www.mbhashenews.co.za

Mbhashe FM – Zive usekhaya

Iqhube nge mpumelelo i Mayors Cup ku Masipala wase Mbhashe

Dutywa – Imidlalo yamagqibela kankqoyi yendebe ka Sodolophu iqhutywe ngempumelelo kule mpelaveki. Oompondo zihlanjiwe abazibambele indawo yokuqala kulomdlalo nguSodolophu uCeba Samkelo Janda ekunye nabaxhasi, nooCeba:
Liqela lebhola lakwa wadi 24 kuGatyana, zintshatsheli eziye zawongwa nalapho bezifumanele indebe, ixabiso lamakhulu eerandi(R1000), Ikiti kunye nebhola.


Iqela lebhola yomnyazi lakwa wadi 32, eXhorha nalo ngokunjalo lizeke mzekweni lawongwa ngezipho ezifanayo nezo zeleqa lebhola ekhatywayo kwindawo yokuqala. Abazibambele indawo yesibini kwibhola ekhatywayo ngu wadi 12, yaze yaba ngu wadi 27 kwibhola yomnyazi. Nabo bawongwe nge ndebe, ikiti, kwakunye nebhola.
Amaqela athathe inxaxheba kwimidlalo yokugqibela nawo awahambanga nalize kuba azifumanele ikiti kunye nebhola.


Phambi kokuba imidlalo iqale, uSodolophu wamnkele uluntu kwibala lezemidlalo eNgxakaxha eDutywa. Unikeze amazwi obulumko kubadlali nalapho ebalule ukuthi imidlalo inendima enkulu ekwakheni umntwana kwaye isusa nolwaphulomthetho ekuhlaleni. USodolophu udlulise umbulelo ongazenzisiyo kubaxhasi balemidlalo; iqela leBush Bucks elikhokhelwa ngu Mnu. Ray Mpekula, Discovery ka Mnu. Graham Andrews, Vodacom, i-ABSA bank kunye nabaququzeleli ngokudlala indima enkulu ukuphumeza lemidlalo.


UXola Sitela, unompempe owaziwayyo osele ephuhlile nophume izandla odlalisa imidlalo ekwinqanaba elingentla, nosuka kummandla waseMbhashe ugqithise amazwi enkuthazo kubadlali ebalula ukubaluleka kwayo.
USomlomo uCeba Babalwa Majavu kunye noCeba bebhubga baloMasipala bayizimasile lemidlalo. Uluntu nalo lubonakalise inkxaso engathethekiyo. Oku kubonakalise ubumbano phakathi koluntu nanjengoko kubhiyozelwa ubuAfrika kulenyanga.


Oku kungasentla sikubaliselwe likhasi lika masipala wase Mbhashe ngokuqhubeke emabaleni ase Ngxakaxha eDutywa kule mpeleveki.

Create a website or blog at WordPress.com

Up ↑