Isaziso esibalulekileyo esiphuma kuba phathi bo Mbhashe FM

UMbhashe FM sisikhululo sosasazo sasekuhlaleni esibhaliswe njengo Mbhashe Community Radio Station (NPO) esisasaza iyure ezingamashumi amabini anesine (24 Hours) kwindawo yase Mbhashe kwakunye neendawo ezingqongileyo phantsi ko Masipala wesithili sase Amathole apha kwi Phondo le Mpuma Kapa.

Oku kukwazisa ngokusesikweni kwaye sikudakanca ngokupheleleyo ukuba isikhululo uMbhashe FM uyinikiwe imvume ligunya bantu eli lawula ezosasazo eMzantsi Afrika (ICASA), ukuba usiso isikhululo esinelungelo lokusasaza kumaz’omoya. Oku kuza emva kochunge chunge lezigaba nemigomo ebibekwe ngabakwa ICASA. Esi  sikhululo uMbhashe FM uthubeleze ngempumelelo phakathi kwethotho lonomathotholo ebebefake izicelo zokusasazela ingingqi zabo zasekuhlaleni abebe malunga no 105 (One hundred and five). Baze abakwa ICASA bakhupha ilayisenisi ezintlanu (5) kuphela ukuquka eyo Mbhashe FM. Sigxeleshe ukusasazela ingingqi yo Masipala wase Mbhashe kwakunye neendawo ezingqongileyo eziphantsi kwesithili sase Amathole.

UMbhashe FM wenza umbulelo ongazenzisiyo kwabo basixhasileyo ngethuba siqulunqa isicelo selayisenisi yethu, uluntu olutyikitye amaxwebhu ethu kwa kunye namashishini abonakalise inkxaso kweliphulo, kuni sithi enkosi.

Isikhululo uMbhashe FM sasekwa ngomhla we 13 August 2013 saze saqalisa ukusasaza ngomnatha we intanethi ngonyaka ka 2014. Sabhaliswa ngokuse mthethweni ngomhla we 6 April 2017. Abakwa ICASA basinikile ilayisenisi yokuqala ngomhla we 22 June 2022 (eyamaz’omoya – signal distribution) ze ngomhla we 27 July 2023 basinika imvume yokusebenza (Class Broadcasting Licence).

Kungokunje sisekwiphulo lokunyusa ingxowa-mali ukuze sikwazi ukufumana izixhobo namaphiko oku nkinkisha amaz’ omoya khona ukuze sikwazi ukufikelela kwikhaya lakho ngokucwengileyo nokungenasiphazamiso. Abo bakwezoshishino nase magunyeni abanomnqweno wokusixhasa ukuze sifezekise eliphulo bamnkelekile.

ONokrawuzana basendleleni eza kwithotholo lakho… utsho u “Zive usekhaya”

Ngayo yonke imibuzo neengcombolo ezithe qabavu ngoku sikuthe tsuphe apha ngasentla ungaqhamshelana nathi ngoluhlobo:

Cell: 081 335 3343/065 118 9945/064 376 6050

Email: mbhashefm@gmail.com 

Website: www.mbhashefm.co.za

Mbhashe FM Management

Leave a comment

Create a website or blog at WordPress.com

Up ↑