Luzimisele ukubopha inja nokhuni ulutsha lwase Mpume lunceda inkondekazi.

Ulutsha lwase Mpume kwalapha ku Gatyana kwa wadi 29 ebelukhe lwavela kwidesika yethu yeendaba lucela uncedo kwabo banqwenela ukuluncedisa ukuze lakhele umakhulu ohlala kwindlu evuza gxi xa kunetha apha eMpume. Luthi ama Ngesi athi “Practice what you preach” ngethuba singo Nokrawuzana sikhe saphinda sakroba ngentunja sizama ukuqonda inkqubela sifumanise ukuba bekukhala ipeki ne fotsholo kuqaliswa ngezontwana ntwana bafikilela kuzo ukuze babe beqhubela phambili nomsebenzi wabo wokunceda abo bangathathi ntweni. Lusithele tsuphe ukuba uncedo lusalulangazelela oku kwe Jerusalem entsha. Batsho besithi wena unomdla wokunceda ungathi ubakrwece bucala nokuba unikele nje ngengxowa ye samente oko kwakuthetha lukhulu kumsebenzi wabo.

Luyaqhuba ulwakhiwo lwendlu yexhegokazi empume

Nathi silelijelo siyacela sibongoza ukuba uphose esivivaneni ukuze kufezeke lomnqweno wolulutsha nalo lungathathi ntweni..

Kwa Xhosa kuthiwa “Isandla sihlamba esinye”

Ungathi uqhagamshelane no Mnumzana Mandla Mbonjeni xa ufuna ukufaka isandla okanye usikrwece bucala sileli jelo sikudibanise nabo.

Contacts: 076 889 1184 / 078 061 8336 email: mbonjenimandla44@gmail.com

Sonke masenzeni uHamba Post ide iyofikelela kwabo bane ntliziyo ezivakalelwayo.

Leave a comment

Create a website or blog at WordPress.com

Up ↑